USizwe emva kokuphanza kolwaluko kwaza emva koko wanqunyuiwa ubudoda. lzicwili ezonakeleyo kwilungu lobudoda kwafuneka zisuswe. onga isingxobo sa masende sidumbile.
nje axelele osisalamane. Ndikhumbula nje kakuhle xa umalume wafika. Wasusa izichwe nelungu lam Iobudoda laliluhlaza lichiza ubofu nesingxobo samasende sidumbile.
Ndandigcuma ziintlungu ndaza ndakubona imeko endikuyo, ndakhala. Xa umalume wathi akukhonto anokuyenza, ndakhetha ukufa. Kwazanywa imoto yokundisa eDora Nginza Hospital.
Uthe umama akufika waxelelwa ngugqirha ukuba uza kundinqumla ilungu lobudoda kuba kwakungekho enye indlela kwaye ngokwenjenjalo usindisa impilo yam. Ndandixakekile ndingazi ukuba uthetha ukuthini xa esitsho, ndabona nje umama elila.
Nyana wam Sizwe, yomelela wamkele endiza kukuxelela. Ndiyakuthanda kwaye andinakukuyekela ufe. Ugqirha uza kulinqumla ilungu lakho lobudoda, uza kuchama nje kuphela ngomgxuma.
Ndothuka. Ngoku andisenalo ilungu lobudoda, ngumgxuma kuphela. Ngaba andiseyondoda -
kwesi sihelegu ekwalukeni, walahlekelwa sisixhobo sakhe ngenxa yokungakhathali kwabanye - ngoku akanalo ilungu lobudoda.
USizwe onama23 eminyaka kwathi esentabeni eBhayi kunye nabahlobo bakhe ngoJuni 1 994 wayengazi ukuba wayeza kubuya enqunyulwe ilungu lobudoda. Le yimini awayeyilangazelela gqitha
- ukwaluka yinto enkulu kuye kwanokuhionitshwa okuhambisana nako kuluntu.
Kuqala yonke into ibithembisa. Entabeni ndandonwabile nabahlobo bam sixoxa ngezinto esiza kuzenza xa singamadoda, ukhumbula oko.
Kwalile kusuku lwesihlanu emva kolwaluko ndaqaqanjelwa ngaphambil Kwakungekho mntu esingambikela kuba ikhankatha Iethu saligqibela ngomhla wokuqala singenile. Ezi ntlungu zaya zinclinzimela kangangokuba kwakunzima nokuhamba oku.
Ndacela iimpelesi zethu zibikele umama oku. Umama akahlali nendoda yakhe kwaye ke wayengenakusondela kwafuneka
UGqr Mamisa Chabula ebonisa ngeTara Klamp, uthe Ukuthintela kungcono ku nonyango.


BaypheI
Abcikhwethci
uza kuthini kwiintokazi zam? Ngamany amazw andilutho?
Ndakukhutshwa esibhedtele ndaziphepha iintokazi zam. Zandilaxaza ngoku nditiloio, ndiyoyika kangangokuba ndide ndicinge ngokuzibutata. Buti, andilutho
Uthe egqiba nje ukuthetha uSizwe wakhulula ibhrukhwe wandibonisa umngxunyana apho Ialimile khona ilungu lakhe lobudoda. Uye wahlininika ebambelete emagxeni am.
Oku kwandikhathaza xa ndinyusa ibhrukhwe yakhe. Ndiye ndakhathazeka ndakubona eli tyendye libindekile, ndilikhumbuza okwadlulayo kodwa ke ndabe ndisazi ukuba kuyanceda ukulichambuza ithumba uthethe nothile unovefwano.
Ndizibuzile ukuba xa oku kwakwenzeke kum kwiminyaka eli15 edlutileyo mini ndangena esuthwini ndandiza kuthini? Ngalo lonke eii xesha ndizibuza lo mbuzo uSizwe uyagxwata.
Ngelingeni ude wazithuthuzela kuba eqonda ukuba umyalezo wakhe uviwe.
Kumele kwenziwe okuthile ixesha lingekasishiyi. Abazali bethu kufuneka benze okuthile
UKumkani Maxhoba Sandiie -Maligcinwe isiko kodwa kufuneka sijonge izisombufulo kwiingxaki ezikhoyo kule mihla.


UMonica Skepu ongumzali oxhalabileyo -Asinakubabukela oonyana bethu bephela phambi kwethu.



kuba ezi zihelegu zange zenzeke ngaphambili. Ukho undonakele.
Omnye umntu othe akanakukunyamezela u kubona abakhwetha benqunyulwa ilungu lobudoda nguGqr Chabula waseBhayi. Njengenxalenye yokubandakanyeka kwakhe ekuphucuteni riasekuqaphelisiseni uluntu ngezenkcubeko ingakumbi ngolwaluko ubangele ingxwabangxwaba kumaqela athile ngokuba abe linenekazi Iokuqala elingumXhosa elixoxa
lzichwe kufuneka zikhutshwe qho kodwa azizange zisuswe iintsuku ezimbini ukusa kwezintathu, ukudumba kunokubangela ilungu lobudoda linqunyulwe.


ngeti siko Iihlonitshwe kangaka? Kwenzeka njani
abandakanyeke kumba otisiko lamadoda etihlonitshiweyo?
Mna andigxuphulekanga kwisiko Iamadoda ngawo andingenise kulo. Otata bazise oonyana babo kumagumbi am okunyanga ngenxa yeemeko ezinxunguphalisayo ngolwaluko.
Kuba eli ilisiko elihlqnitshwe kakhulu, ndibabuzile ukuba kutheni oonyana babo bengabasi koogqirha abangamadoda abazi
20 BONA XHOSA - AprN 2000


NDITHE ndakuva ngabakhwetha abaswelekileyo nabashiywe bengenalo ilungu lobudoda, ndankwantya. Hayi ke kwaba kukhona ndinkwantya ngakumbi xa umhleli wam ephelekwa ngumncedi wakhe olinenekazi beridicela ndinibalisete Bafundi ngolwaluko lwam nokuba ndiphande ngokunokwenziwa ukukhusela amakhwenkwe esekumbovu aye esuthwini.
Ngendlela endazi ngayo nangendlela endayalwa ngayo okuqhubeka entabeni kuphetela apho. Kwelinye icala iindwalutho eziana nobaw uNelson Mandela noThabo Mbeki ziye zaligcina eli siko njengayo nayiphi na inkwenkwe yomXhosa, bathethile noko ngalo, xa bendisiya kudtiwano ndlebe namaxhoba anqunyulwe ubudoda, ndikhumbule ukuba noko ndangena ndaphuma kakuhle esuthwini.
Ndikhumbula intsasa eyayiqhaqhazetisa amazinyo ngojune 1984 eSada ngaseKomani. Ndandidedwa apho, ndihamba ngaze ndingazi ukuba kuza kuqhubeka ntoni kum ngengomso.
Abakowethu eKapa bathi
ngcono ngezi ngxaki. Kodwa balile bandinyanzelisa ukuba ndinyange oonyana babo.
UGqr Chabula esazi ukuba kofuneka alumke kuba ngoku akangeni nje kumba wamadoda kodwa umguli uze kuye ezibonisa ukuba akanamandta okunyamezetana neentlungu zolwaluko - njengoko eli siko Iifundisa, ziintlungu zokukhula.
Ndabacela babuyisele oonyana babo entabeni baze beze nabo xa kumnyama kuba ndivelana nabakhwetha. Ndiyazi ukuba xa
mandiye kumakhulu ukuze ndiyokuqhuba isiko loobawomkhulu. Njengesiqhelo usuku olwandulela otolwaluko uluchitha nabahtobo abasengamakhwenkwe bekunye neentombi zabo, kumguyo wam ndashiywa ndibhiyozela iiyure zam zokugqibela ndiyinkwenkwe kunye namakhwenkwe namantombazana endindiqala ukuwabona.
Ubusuku bonke njengesiqhelo sabuchitha sonwabile kuba ngokwesiko xa ndibuya esuthwini ndiyindoda, sokuze ndivunyelwe ndibe ngumhlobo wabo kwakhona. Phambi kokuya esuthwini niqhubeka nisela nicula ubusuku bonke.
Noko andizange ndivunyelwe ndisele kunye noThembekile Mbebe owayeza kuba likhankatha lam. Mhlawumbi le yimeko endandiza kuhlala kuyo nembi kuba kwakuza kufika igqiza tamadoda xa kumpondo zankomo endidlakazelisa kuloo ngqele ndilele phantsi nekuphela komandlato endandinawo.
tgqiza lamadoda kunye noThembekile bandixelela ngolunya ukuba mandisukume.
Ndisozeta ndaya emlanjeni nawo nothe qelele ngeekilomtiha ezintlanu ukusuka kule lokishi, ndandihlatywa ngamave ezinyaweni kuba ndandinganxibanga zihlangu. Andizange ndinikwe nethuba eli Iokuwancothula endaweni yoko
babenokubonwa kugqirha okanye esibhedlele abasaphinde bahoywe ngoogxa babo.
Bathi bakuza kuye kwakhona uGqr Chabuta wafumanisa ukuba imeko yabo imbi kakhulu kangangokuba kwafuneka baye esibhedlele. Uye wavakalisa intlungu yakhe xa wathi ukhumbula umkhwetha othile ekwafuneka amse kutyando esibhedlele ukuze kunqunyulwe ilungu lakhe lobudoda kuba lalonakele. Ukhumbuta nje kakuhle indlela loo mkhwetha
ndandithi xa ndizama ukuwancothula ndityhilizelwe phambili.
Ngalo lonke eli thuba la madoda ayecula igwijo lomgidi elithi: uSomagwaza, somagwaza, ndiza kugwaza ngalo mkhonto, kunconywa umdlanga oza kusetyenziswa ekundaluseni. Sithe sakufika kwindawo ekhethiweyo ndayalelwa ukuba ndihlale phantsi ngaphandle kwebhoma endandiza kuhlala kulo iiveki ezine ndingumkhwetha, ngequbuliso kwathi gqi umfo owayelindile waguqa phambi kwam.
Le ngcibi yathi rhuthu umdlanga kwinxili yayo. lngazange izazise kum yaphathaphatha ijwabu lwam kwaza kwimizuzwana emi-5 ukusa kweli-1O ndopha. Emva kokundisika yathi yithi Ndiyindoda ndenjenjalo ndigcuma ziintlungu.
Yandibuza ukuba ndiyafuna na ukuginya ijwabu Iam okanye ukulifihla. Ndakhetha ukulifihla. tzichwe zathandelwa kwinxeba elingathandeki netophayo. Ukuzifaka kwakuqhutywa ubusuku nemini kwiintsuku ezisixhenxe zokuqala, ndimele nditsho ukuthi kwakubuhlungu.
Bekufuneka nditye umngqusho ongenatyuwa ndisete namanzi anodaka oluninzi. Noko ke yonke into yandihambela kakuhle kuba emva kweeveki ezine nam ndibe phakathi kwamanye amadoda.
lndlela endasinda ngayo kulwaluko
BONA XHOSA - April 2000 21


UGqr Chabula uzama iTara Klamp yaseMalaysia.





wathi akubuyela ezingqondweni wabuza ukuba liyephi itungu lakhe Iobudoda.
Ndambonisa ibhotite enekyubhu emnyama nelilt.ingu lakhe lobudoda, wagxwala, utshilo uGqr Chabula elusizi.
Uyaqonda ukuba le meko inokuphetshwa xa
amadoda enokubuyela ezingqondweni ayeke ukudla ngendeb endala. Ukuqalisa oku uzamile ukuyingena Ie ngxaki ngenye indlela.
Kuba amabhinqa engavunyelwe ukungena kwibhoma labakhwetha, ndicele umntakwethu uDavide akhe atyelele abakhwetha abancede de baphole. Kuba ke ndingugqirha ndijamelana nezigulo ezothusayo nabakhwetha bethu, nanjengomzali ndincame ndaya kwabona bantu babandakanyeke ekwaluseni, abazali, amakhankatha, iingcibi ukubona ukuba makwenziwe ntoni ukuphelisa ezi zigulo.
Ndicebise ukuba iingcibi zisebenzise izixhobo zokusika
e!i siko lingafluliselwa iijani kwinkulungwane yama-2 1
Ukusetyenziswa kweTara Klamp yaseMalaysia endaweni yomdlanga kuye kwaphakamisa imibuzo emininzi:
 lkumkani yamaRharhabe uMaxoba Sandile:
Njengomlawuli wesizwe nezithethe zaso iKumkani izimiseie ukuxhasa naliphi na inyathelo lokuphucula ubunjani bobomi babantu bayo.
Naliphi na isiko elibonakala liyingozi kubantu bam libangela inkxalabo, utshilo.
Ulwaluko lusesinye sezithethe ezidala nezihlonitshwe kakhulu kuba tuthetha imbopheleleko entsha kumkhwetha. Kufanele lulondolozwe kwaye kufuneka sifumane izisombutulo kwiingxaki esijamelana nazo kule mihla.
IKumkani ithi abantu kufuneka baphande ukusetyenziswa kweTara Klamp ukuba iza kuyiphelisa kusini na le ndyikityha yokufa.

 UMakhaya Mshudulu waseKapa:
Unenkolo yokuba kufuneka sibambelele kwizithethe sikuchase ukusetyenziswa kweTara Klamp.
Yintoni ebangela ezi ngxaki zenzeke eMdantsane naseBhayi kuphela? ubuzile. Akho amaXhosa naphi na kwiMpuma Koloni

22 BONA XHOSA - April 2000
nawolusayo angazange akhe abike iingxaki. EBarkly East ngokomzekelo koluswa amakhwenkwe angama-24 ingasetyenziswanga iTara Klamp. Onke aphuma engamadoda angabikwa hlaba.
Ndicinga ukuba utuntu lwale mimandla ethanda ukuba neengxaki kufanele iziphendle ibone ukuba ibhatyaze phi - ningayiphathi iTara Klamp!

 UWilberforce Mdoda, fudula eyintatheli yodumo kwiTV Uvumela nantoni na enokupheiisa ukufa kwabakhwetha.
lnye into endiqonda ukuba kumele yenziwe phambi kokwalusa. ukuxilongwa ngugqirha kuqala. Amanye ala makhwenkwe aya esuthwini enezifo ezidiuliselwa ngeendibano zesondo kuba kulapho iqala khona ingxaki. Ndiyakuxhasa ukusetyenziswa kwezixhobo zokusika zoogqirha kuba zisetyenziswa kube kanye zize zilahlwe.

 UMon!ca Skepu waKwaMagxaki, eBhay!:
Uyakuxhasa ukusetyenziswa kweTara Klamp kwaye njengomzali unenkolo yokuba amadoda abo akazimisele kangako ukuqinisekisa ukuba luqhutywa ngendlela yayo kusini na ulwaluko kwaye iingxaki ezininzi ziyenzeka kuba alilandelwa kakuhle. Ngokomzekelo uthe, kunxila, kusetyenziswa iziyobisi
bathe phithi thwanga ngeendibano zesonda xa besesuthwini kubandakanyeke nkqu iingcibi namakhankatha.
Aba bantu kufuneka bahloniphe isiko. Oonyana bethu singathini ukubayeka baphathaphathwe ngamanxila angazikhathalele, kungasathethwa ke ngoonyana bethu? La manxila ahambe elala nokuba ngubani na esenza izinto. ekungafanele zenziwe ngabantu abagade abakhwetha.
Kutheni bevumela abakhwetha batyelelwe ziintokazi zabo babayeke bayabule koohola beendlela bengabakhuzi? Ezizinto zazingavunyelwe ngaphambili -kwakungabikwa kufa kungekho bakhwetha babeqabuka besezibhedlele, konakele phi namhla?
UMonica uthi akalichasanga eli siko kodwa ziindlela ezisetyenziswayo ekwaluseni nezibanga iingqaqambo ezingeyomfuneko koonyana bethu.
Umhlobo wam onyana wakhe waya esuthwini wayelungiselela umgidi wokubiya kwakhe xa waxelelwa ukuba itshoba tilele umbethe kunyana wakhe esuthwini. Nanamhlanje akakaxoli.
Lifikite ixesha lokuba abasetyhini basukume balwe neli lifu limnyama phezu kwethu. Ngoonyana bethu aba kwaye sineqhayiya ngabo. Hayi asinakubayekela baphele sijongile.
Byopheki Abcikhwethci

